1. Ndathembela, ndithembele kuYehova,Wathoba, wakuva ukuzibika kwam.
2. Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo,Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam.
3. Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu;Abaninzi bayabona, boyike,Bakholose ngoYehova.
4. Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo,Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!
5. Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo,Nangeengcinga zakho kuthi;Akukho nto inokulinganiswa nawe;Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo;Ke ziyinkohla engenakubalwa.
6. Akunanzé mbingelelo namnikelo wakudla;Iindlebe zam uzivulile;Akubizi dini linyukayo nadini lasono.
7. Ndaza ndathi, Yabona,Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam.
8. Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile;Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.
9. Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu;Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam;Yehova, wena uyazi.
10. Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam;Ndákukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho;Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.
11. Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum;Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.
12. Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.