Iindumiso 37:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Lahla umsindo, ushiye ubushushu;Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela.

9. Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa;Ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe.

10. Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo;Ùthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.

11. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe,Baziyolise ngobuninzi boxolo.

12. Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa,Ulitshixizela amazinyo akhe.

13. INkosi iyamhleka,Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.

Iindumiso 37