28. Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni,Angabashiyi abenceba bakhe;Bagciniwe ngonaphakade:Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.
29. Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe,Ahlale kulo ngonaphakade.
30. Umlomo welungisa uxela ubulumko,Nolwimi lwalo luthetha okusesikweni.
31. Umyalelo woThixo walo usentliziyweni yalo;Akayi kuhexa amanyathela alo.
32. Ongendawo uyalilalela ilungisa,Ufuna ukulibulala.
33. UYehova akalinikeli esandleni sakhe,Angàligwebi ekuthethweni kwetyala lalo.
34. Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe;Wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe;Ekunqanyulweni kongendawo wobonela.
35. Ndimbonile ongendawo, oyingqwangangqwili,Exanda njengomthi omilileyo, uluhlaza;
36. Kwadlula umntu, nanko engasekho; Ndamfuna, akafumaneka.
37. Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye;Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo.
38. Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele;Izivela-mva zongendawo ziyanqanyulwa.
39. Usindiso lwamalungisa luphuma kuYehova;Uligwiba lawo ngexesha lembandezelo.