23. Amanyathela omfo aqiniswa nguYehova,Ayithande indlela yakhe.
24. Ewíle, akayi kuqungquluza,Ngokuba nguYehova umxhasi wesandla sakhe.
25. Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala;Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa,Nembewu yalo ivukela ukutya.
26. Imihla yonke liyababala, liboleke abanye;Nembewu yalo iyintsikelelo.
27. Suka ebubini, wenze okulungileyo,Uhlale ngonaphakade.
28. Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni,Angabashiyi abenceba bakhe;Bagciniwe ngonaphakade:Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.