Iindumiso 37:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ilungile intwana elinayo ilungisa,Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:

17. Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;NguYehova umxhasi wamalungisa.

18. NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.

19. Àbayi kudana ngexesha lobubi;Baya kuhlutha ngeemini zendlala:

20. Ngokuba abangendawo bayatshabalala;Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo;Ziya kuphela njengomsi, ziphele.

21. Úyaboleka ongendawo, angabuyisi;Ke lona ilungisa liyababala, liphe.

22. Ngokuba abasikelelweyo nguye baya kulidla ilifa ilizwe,Banqanyulwe abatshabhisiweyo nguye.

Iindumiso 37