Iindumiso 34:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Usizana lwadanduluka, weva uYehova,Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.

7. Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo,Sibahlangule.

8. Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova.Hayi, uyolo lomfo ozĂ­mela ngaye!

9. Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe,Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.

10. Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe;Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.

11. Yizani, bonyana, phulaphulani kum;Ndonifundisa ukoyika uYehova.

12. Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi,Othanda imihla yokubona okulungileyo?

Iindumiso 34