Iindumiso 34:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe;Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.

11. Yizani, bonyana, phulaphulani kum;Ndonifundisa ukoyika uYehova.

12. Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi,Othanda imihla yokubona okulungileyo?

13. Gcina ulwimi lwakho ebubini,Umlomo wakho ungathethi nkohliso.

14. Suka ebubini, wenze okulungileyo;Funa uxolo, uluphuthume.

15. Amehlo kaYehova akumalungisa,Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.

Iindumiso 34