Iindumiso 34:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke,Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.

2. Úya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova;Bova abalulamileyo, bavuye.

3. Menzeni mkhulu kunye nam uYehova,Siliphakamise kunye igama lakhe.

4. Ndamfuna uYehova, wandiphendula;Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.

5. Babheka kuye, bakhazimla;Ubuso babo àbaba nazintloni.

Iindumiso 34