1. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke,Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.
2. Úya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova;Bova abalulamileyo, bavuye.
3. Menzeni mkhulu kunye nam uYehova,Siliphakamise kunye igama lakhe.
4. Ndamfuna uYehova, wandiphendula;Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.
5. Babheka kuye, bakhazimla;Ubuso babo àbaba nazintloni.