6. Lênzeka ngelizwi likaYehova izulu,Umkhosi walo lonke ngomoya womlomo wakhe.
7. Ulobutha njengemfumba amanzi olwandle,Ulobeka koovimba amanzi enzonzobila.
8. Malimoyike uYehova lonke ihlabathi,Bamhlonele bonke abemi belimiweyo;
9. Ngokuba wathetha, kwabakho;Wawisa umthetho yena, kwema.
10. UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga;Uzaléle iingcinga zezizwe.
11. Icebo likaYehova limi ngonaphakade,Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.
12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.
13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;
14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:
15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.
16. Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;Igorha àlihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
17. Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
18. Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo,Abalindéle inceba yakhe,
19. Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo,Abagcine ngexesha lendlala.