13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;
14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:
15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.
16. Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;Igorha àlihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
17. Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
18. Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo,Abalindéle inceba yakhe,
19. Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo,Abagcine ngexesha lendlala.