Iindumiso 33:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.

13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;

14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:

15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.

16. Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;Igorha àlihlangulwa ngamandla alo amakhulu.

17. Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.

Iindumiso 33