12. Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.
13. Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;
14. Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:
15. Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.
16. Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;Igorha àlihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
17. Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.