8. Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
9. Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
10. Mkhulu umvandedwa wongendawo;Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.
11. Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa,Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.