Iindumiso 32:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.

9. Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;Bengenazo abasayi kusondela kuwe.

10. Mkhulu umvandedwa wongendawo;Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.

11. Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa,Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.

Iindumiso 32