5. Ndiwuyaleza umoya wam esandleni sakho;Ùyandikhulula, Yehova, Thixo wenyaniso.
6. Ndibathiyile abagcine amampunge angento yanto.Ndikholose ngoYehova mna.
7. Ndiya kugcoba ndivuye ngenceba yakho,Ngenxa enokuba uzibonile iintsizi zam,Wazazi iingxingongo zomphefumlo wam;
8. Akwandivingcela ngesandla seentshaba,Wazimisa endaweni ebanzi iinyawo zam.
9. Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile;Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;
10. Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam,Neminyaka yam kukuncwina;Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam,Namathambo am aluphele.