1. Ndizímela ngawe, Yehova, mandingazendidaniswe;Ndísize ngobulungisa bakho.
2. Ndíthobele indlebe yakho, ungxame undihlangule;Yiba liliwa eliligwiba kum,Indlu yemboniselo yokundisindisa.
3. Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe;Ngenxa yegama lakho ùya kundikhapha undithundeze.