Iindumiso 30:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ndadanduluka kuwe, Yehova,Ndakhunga kuYehova:

9. Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhlèni kwam ndiye esihogweni?Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?

10. Yiva, Yehova, undibabale;Yehova, yiba ngumncedi wam.

11. Wakugúqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba;Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,

12. Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungàthi cwaka.Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.

Iindumiso 30