Iindumiso 30:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam,Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.

4. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba,Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.

5. Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe,Itarhu lakhe liyinto yobomi;Ngokuhlwa kulalisa ukulila,Kusasa kubakho ukumemelela.

6. Ke mna ndathi ebunqobeni bam,Andiyi kushukunyiswa naphakade.

7. Yehova, enkolosekweni yakho ùbuyiqinisile intaba yam;Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.

8. Ndadanduluka kuwe, Yehova,Ndakhunga kuYehova:

9. Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhlèni kwam ndiye esihogweni?Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?

10. Yiva, Yehova, undibabale;Yehova, yiba ngumncedi wam.

11. Wakugúqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba;Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,

12. Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungàthi cwaka.Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.

Iindumiso 30