1. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa,Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.
2. Yehova, Thixo wam,Ndazibika kuwe, wandiphilisa;
3. Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam,Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.
4. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba,Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.
5. Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe,Itarhu lakhe liyinto yobomi;Ngokuhlwa kulalisa ukulila,Kusasa kubakho ukumemelela.
6. Ke mna ndathi ebunqobeni bam,Andiyi kushukunyiswa naphakade.
7. Yehova, enkolosekweni yakho ùbuyiqinisile intaba yam;Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.
8. Ndadanduluka kuwe, Yehova,Ndakhunga kuYehova: