1. Mnikeni uYehova, nina nyana bakaThixo,Mnikeni uYehova uzuko namandla.
2. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;Qubudani kuYehova nĂvethe ezingcwele.
3. Izwi likaYehova liphezu kwamanzi;UThixo wozuko uyadudumisa,KwauYehova phezu kwamanzi amaninzi.
4. Izwi likaYehova linamandla,Izwi likaYehova linobungangamela;
5. Izwi likaYehova laphula imisedare,*UYehova waphula imisedare yaseLebhanon.