Iindumiso 28:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndidanduluka kuwe, Yehova;Liwa lam, musa ukuzenza isithulu;Hleze, wakuthi cwaka kum,Ndifane nabahla baye emhadini.

2. Yiva izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe,Ekuziphakamiseleni kwam izandla zam kwingcwele kangcwele.

3. Musa ukundiqweqwedisa nabangendawo,Nabenzi bobutshinga;Abathetha uxolo kummelwane wabo,Benobubi ezintliziyweni zabo.

4. Bánike ngokwemisebenzi yabo, ngokobubi beentlondi zabo;Bánike ngokwezenzo zezandla zabo;Bábuyisele ngokwempatho yabo.

5. Ekubeni bengayiqondi imisebenzi kaYehova,Nezenzo zezandla zakhe,Úya kubagungxula, angàbakhi.

Iindumiso 28