1. Ndiwuphakamisela kuwe, Yehova, umphefumlo wam.
2. Thixo wam, ndikholosé ngawe,Mandingadani;Mazingandivuyeleli iintshaba zam.
3. Ewe, bonke abo bakuthembayo abayi kudana;Kuya kudana abo banginiza ngelizé.
4. Ndázise iindlela zakho, Yehova,Ndífundise umendo wakho.
5. Ndínyathelise enyanisweni yakho, undifundise;Ngokuba ùnguThixo ongumsindisi wam;Ndithembé wena yonke imihla.
6. Khumbula iimfesane zakho, Yehova, neenceba zakho;Ngokuba kususela kwaphakade zikho.
7. Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam;Ndíkhumbule ngokwenceba yakho wena,Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.
8. Úlungile, uthe tye uYehova;Ngenxa yoko úyabayalela indlela aboni.
9. Úyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe,Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.
10. Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso,Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.