Iindumiso 22:6-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke mna ndingumbungu, andimntu;Ndisisingcikivo soluntu, into edelekileyo ebantwini.

7. Bonke abandibonayo bayandigculela;Bayasineka, bahlunguzela intloko;

8. Bathi, Makazilahlele kuYehova, amsize,Amhlangule kaloku, ngokuba emthandile.

9. Ewe, nguwe umtyhobozisi wam esizalweni,Inkolosisi yam ndisemabeleni kama.

10. Ndalahlelwa kuwe kwasesizalweni;Kwasembilinini kama ubunguThixo wam.

11. Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo,Ngokuba akukho mncedi.

12. Ndingqongwe ziinkunzi ezininzi,Ndihlanganyelwe zeziziimbalasane zaseBhashan.

13. Zindakhamele umlomo wazo,Njengengonyama eqwengayo, egqumayo.

14. Ndiphalele njengamanzi,Ahlukene onke amathambo am;Yanjengomthwebeba intliziyo yam,Inyibilikile phakathi kwezibilini zam.

15. Omile njengegophe amandla am,Ulwimi lwam lunamathele ekhuhlangubeni lam;Undibeka eluthulini lokufa.

16. Ngokuba izinja zindirhawule,Ibandla labenzi bokubi lindingungele;Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam.

17. Ndinokuwabala onke amathambo am;Bòna bayandijonga, bayandibonela,

18. Babelana ngeengubo zam,Isambatho sam basenzela amaqashiso.

19. Ke wena, Yehova, musa ukuba kude;Mandla am, khawuleza undincede.

20. Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam,Okuphela kwawo, ethupheni lenja.

21. Ndísindise emlonyeni wengonyama,Nasezimpondweni zenqu ùya kundiphendula.

22. Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam,Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,

23. Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni;Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni,Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli.

24. Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana;Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye;Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.

25. Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu;Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.

Iindumiso 22