20. Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam,Okuphela kwawo, ethupheni lenja.
21. Ndísindise emlonyeni wengonyama,Nasezimpondweni zenqu ùya kundiphendula.
22. Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam,Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,
23. Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni;Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni,Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli.
24. Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana;Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye;Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.
25. Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu;Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.
26. Baya kudla abalulamileyo, bahluthe;Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo.Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!
27. Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi,Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:
28. Ngokuba bobukaYehova ubukumkani,Nguye umlawuli ezintlangeni.
29. Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi;Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini,Abangàwugciniyo umphefumlo wabo.
30. Imbewu iya kumkhonza;Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.
31. Baya kuza baxele ubulungisa bayoKubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.