15. Omile njengegophe amandla am,Ulwimi lwam lunamathele ekhuhlangubeni lam;Undibeka eluthulini lokufa.
16. Ngokuba izinja zindirhawule,Ibandla labenzi bokubi lindingungele;Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam.
17. Ndinokuwabala onke amathambo am;Bòna bayandijonga, bayandibonela,
18. Babelana ngeengubo zam,Isambatho sam basenzela amaqashiso.
19. Ke wena, Yehova, musa ukuba kude;Mandla am, khawuleza undincede.
20. Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam,Okuphela kwawo, ethupheni lenja.
21. Ndísindise emlonyeni wengonyama,Nasezimpondweni zenqu ùya kundiphendula.