Iindumiso 2:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo,Sizilahle izintya zabo kuthi.

4. Ohleli emazulwini úyahleka,INkosi iyabagculela.

5. Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo,Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.

6. Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wamPhezu kweZiyon, intaba yam engcwele.

7. Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo:UYehova uthe kum, ÙnguNyana wam wena;Mna namhla ndikuzele.

8. Cela kum, ndikuníke iintlanga zibe lilifa lakho,Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.

Iindumiso 2