9. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
10. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.
11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye;Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.
12. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akheIsiphango samatye, namalahle omlilo.
13. Wadudumisa ezulwini uYehova,Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe.Yasisiphango samatye namalahle omlilo.
14. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa;Yamininzi imibane, wabadubaduba.