8. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe,Kwavutha amalahle ephuma kuwo.
9. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
10. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.
11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye;Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.
12. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akheIsiphango samatye, namalahle omlilo.
13. Wadudumisa ezulwini uYehova,Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe.Yasisiphango samatye namalahle omlilo.
14. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa;Yamininzi imibane, wabadubaduba.
15. Imiphantsi yamanzi yabonakala,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kwakho, Yehova,Ngokufutha komoya womsindo wakho.
16. Wolula isandla ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.
17. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.
18. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,UYehova wandixhasa.
19. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula, ngokuba endithandile.
20. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam.