44. Besave ngeendlebe, bandithobela,Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;
45. Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya,Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo.
46. UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam,Aphakanyìswe uThixo ondisindisayo.
47. UloThixo wandinika impindezelo,Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;
48. Úndisiza ezintshabeni zam;Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum,Undihlàngule kumfo ogonyamelayo.
49. Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga,Ndivume kwigama lakho.
50. Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe;Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.