Iindumiso 18:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Izintya zokufa zandijikela;Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.

5. Izintya zelabafileyo zandibhijela;Izirhintyelo zokufa zabetha kum.

6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova,Ndazibika kuThixo wam;Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.

7. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zeentaba zagungqa,Zahexa, ngokuba enomsindo.

8. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe,Kwavutha amalahle ephuma kuwo.

9. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

10. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.

11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye;Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.

Iindumiso 18