37. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana;Andabuya zada zaphela.
38. Ndaziqoba; azaba nakuvuka,Zawa phantsi kweenyawo zam.
39. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni,Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;
40. Wandinika ikhosi leentshaba zam,Abandithiyayo ndababhangisa.
41. Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula.
42. Ndabacola, banjengothuli phambi komoya,Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato.
43. Wandisiza ekubambaneni kwabantu,Wandimisa ndayintloko yeentlanga;Abantu ebe ndingabazi bandikhonza.
44. Besave ngeendlebe, bandithobela,Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;
45. Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya,Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo.
46. UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam,AphakanyƬswe uThixo ondisindisayo.
47. UloThixo wandinika impindezelo,Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;