36. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.
37. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana;Andabuya zada zaphela.
38. Ndaziqoba; azaba nakuvuka,Zawa phantsi kweenyawo zam.
39. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni,Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;
40. Wandinika ikhosi leentshaba zam,Abandithiyayo ndababhangisa.