28. Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.
29. Ngokuba ngawe ndigila amajarha,NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.
30. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
31. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
32. UloThixo undibhinqise ubukroti,Uyigqibelelisileyo indlela yam;
33. Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,Undimisayo emimangweni yam;
34. Uzifundisayo ukulwa izandla zam,Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.
35. Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho;Sandixhasa isandla sakho sokunene;Ululamo lwakho lwandikhulisa.
36. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.
37. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana;Andabuya zada zaphela.
38. Ndaziqoba; azaba nakuvuka,Zawa phantsi kweenyawo zam.
39. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni,Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;
40. Wandinika ikhosi leentshaba zam,Abandithiyayo ndababhangisa.
41. Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula.
42. Ndabacola, banjengothuli phambi komoya,Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato.
43. Wandisiza ekubambaneni kwabantu,Wandimisa ndayintloko yeentlanga;Abantu ebe ndingabazi bandikhonza.