22. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam,Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;
23. Ndaye ndingogqibeleleyo kuye,Ndazigcina, andaba nabugwenxa,
24. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.
25. Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;
26. Kozenze nyulu uzenza onyulu,Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
27. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo,Uwathobe amehlo aqwayingileyo.
28. Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.
29. Ngokuba ngawe ndigila amajarha,NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.
30. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.
31. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
32. UloThixo undibhinqise ubukroti,Uyigqibelelisileyo indlela yam;
33. Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,Undimisayo emimangweni yam;
34. Uzifundisayo ukulwa izandla zam,Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.
35. Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho;Sandixhasa isandla sakho sokunene;Ululamo lwakho lwandikhulisa.
36. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.