Iindumiso 18:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula, ngokuba endithandile.

20. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam.

21. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova,Andemka ngokungendawo kuThixo wam.

22. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam,Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;

23. Ndaye ndingogqibeleleyo kuye,Ndazigcina, andaba nabugwenxa,

24. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.

25. Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;

26. Kozenze nyulu uzenza onyulu,Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.

27. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo,Uwathobe amehlo aqwayingileyo.

28. Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.

29. Ngokuba ngawe ndigila amajarha,NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.

30. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.

Iindumiso 18