Iindumiso 18:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam.

2. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam,Thixo wam, liwa lam endizĂ­mela ngalo,Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!

3. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,Ndiyasindiswa ezintshabeni zam.

4. Izintya zokufa zandijikela;Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.

5. Izintya zelabafileyo zandibhijela;Izirhintyelo zokufa zabetha kum.

6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova,Ndazibika kuThixo wam;Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.

Iindumiso 18