1. Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam.
2. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam,Thixo wam, liwa lam endizĂmela ngalo,Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!
3. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,Ndiyasindiswa ezintshabeni zam.
4. Izintya zokufa zandijikela;Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.
5. Izintya zelabafileyo zandibhijela;Izirhintyelo zokufa zabetha kum.
6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova,Ndazibika kuThixo wam;Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.