Iindumiso 16:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo;Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.

8. Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke;Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.

9. Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam:Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.

10. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo;Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.

11. Ùya kundazisa umendo wobomi;Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo;Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.

Iindumiso 16