6. Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi;Hee! Ndide ndaba nelifa elihle.
7. Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo;Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.
8. Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke;Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.
9. Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam:Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.
10. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo;Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.