2. Ndithé kuYehova, ÙyiNkosi yam,Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho.
3. Ndithe kwabangcwele abasehlabathini,Bòna bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo.
4. Ziya kwanda iimbulaleko zâbo bamananisa ngathixo wumbi uYehova.Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi;Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam.
5. NguYehova isahlulo endasabelwáyo, nendebe endayabelwáyo;Ùlenzé banzi ilifa lam.
6. Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi;Hee! Ndide ndaba nelifa elihle.
7. Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo;Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.
8. Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke;Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.
9. Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam:Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.
10. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo;Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.
11. Ùya kundazisa umendo wobomi;Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo;Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.