3. Musani ukukholosa ngamanene,Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.
4. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe;Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.
5. Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:
6. KuMenzi wezulu nomhlaba,Nolwandle neento zonke ezikulo;Kulogcina inyaniso ngonaphakade;
7. Kogweba ityala labacudiswayo;Kopha abalambileyo ukudla;KuYehova okhulula ababanjwa;
8. KuYehova ovula amehlo eemfama;KuYehova ophakamisa abagobileyo;KuYehova othanda amalungisa;
9. KuYehova ogcina abaphambukeli;Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi,Ayiphethule indlela yabangendawo.
10. UYehova ungukumkani ngonaphakade,UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.Haleluya!