Iindumiso 145:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Únobabalo nemfesane uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

9. Ulungile uYehova kubo bonke,Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.

10. Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,Bakubonge abákho benceba;

11. Uzuko lobukumkani bakho balutsho,Bathethe ngobugorha bakho.

12. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.

13. Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke,Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.

Iindumiso 145