Iindumiso 145:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo,Ndibalìse ngobukhulu bakho.

7. Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu,Bamemelele ngobulungisa bakho.

8. Únobabalo nemfesane uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

9. Ulungile uYehova kubo bonke,Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.

10. Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,Bakubonge abákho benceba;

11. Uzuko lobukumkani bakho balutsho,Bathethe ngobugorha bakho.

12. Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.

Iindumiso 145