3. Balola ulwimi lwabo njengenyoka;Ubuhlungu berhamba busemlonyeni wabo. (Phakamisani.)
4. Ndígcine, Yehova, ezandleni zongendawo,Ndílondoloze emntwini ogonyamelayo,Abacinga ukuzikhubekisa iinyawo zam.
5. Abanekratshi bandiqhushekéle isibatha nezintya,Baneké umnatha ecaleni kwendlela,Bandithiyéle ngemigibe. (Phakamisani.)
6. Ndithi kuYehova, ÙnguThixo wam;Beka indlebe, Yehova, elizwini lesikhungo sam.
7. Yehova, Nkosi yam, nqaba endisindisayo,Ùyigqubuthèle intloko yam ngemini yeduli.
8. Musa ukumnika, Yehova, ongendawo iminqweno yakhe;Musa ukuwuphumelelisa umnkqangiyelo wakhe,Hleze aziphakamise. (Phakamisani.)
9. Yona intloko yabandingqingayo,Ububi bomlomo wabo mabubagubungele.
10. Mabathotyelwe amalahle avuthayo;Makabawise emlilweni, emimbithini, bangabi saphuma.
11. Indoda enolwimi mayingazinzi ehlabathini;Indoda enokugonyamela, ububi mabuyizingele ngembembetshane.