Iindumiso 139:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo,Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,

10. Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho,Sindibambe isandla sakho sokunene.

11. Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa,Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:

12. Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe;Ubusuku bungába mhlophe njengemini,Ubumnyama bungába njengokukhanya

13. Ngokuba wena wazibumba izintso zam,Wandibiyela esizalweni sikama.

14. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo;Zibalulekile izenzo zakho,Umphefumlo wam úyazi kakuhle.

Iindumiso 139