Iindumiso 139:7-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho?Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?

8. Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ùlapho wena;Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.

9. Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo,Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,

10. Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho,Sindibambe isandla sakho sokunene.

11. Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa,Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:

12. Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe;Ubusuku bungába mhlophe njengemini,Ubumnyama bungába njengokukhanya

13. Ngokuba wena wazibumba izintso zam,Wandibiyela esizalweni sikama.

14. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo;Zibalulekile izenzo zakho,Umphefumlo wam úyazi kakuhle.

15. Ayengàgushekile kuwe amathambo am,Mna ndenzelwáyo entsithelweni,Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.

16. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela;Ziyiliwe ngenxa engaphambili,Kungekabikho ke nanye kuzo.

17. Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!

18. Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.

19. Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.

20. Abo bakukhankanyela amayelenqe,Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.

Iindumiso 139