Iindumiso 139:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho,Sindibambe isandla sakho sokunene.

11. Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa,Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:

12. Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe;Ubusuku bungába mhlophe njengemini,Ubumnyama bungába njengokukhanya

13. Ngokuba wena wazibumba izintso zam,Wandibiyela esizalweni sikama.

14. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo;Zibalulekile izenzo zakho,Umphefumlo wam úyazi kakuhle.

15. Ayengàgushekile kuwe amathambo am,Mna ndenzelwáyo entsithelweni,Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.

16. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela;Ziyiliwe ngenxa engaphambili,Kungekabikho ke nanye kuzo.

17. Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo!Àsinganganí isimbuku sazo!

18. Zingáthi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi;Ndakuvuka ndoba ndisenawe.

19. Ngamana wambulala ongendawo, Thixo!Nina madoda amagazi, sukani kum.

Iindumiso 139