Iindumiso 139:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yehova, ùndigocagocile, wandazi.

2. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam;Uyaziqonda izicamango zam nakude.

3. Ukuhamba kwam nokulala kwam, ùyakwela;Uqhelene neendlela zam zonke.

4. Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwamOngalaziyo ke, Yehova, kanye.

5. Ngasemva nangaphambili undingqingile,Wasibeka phezu kwam isandla sakho.

Iindumiso 139