Iindumiso 138:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula,Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.

4. Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi,Bakuweva amazwi omlomo wakho;

5. Bavume ngeendlela zikaYehova,Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:

6. Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, úyambona othobekileyo;Ke yena oziphakamisayo úmazi nakude.

7. Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, ùyandiphilisa;Wòsolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho,Sindisindise isandla sakho sokunene.

8. UYehova uya kundifezela.Yehova, inceba yakho ingunaphakade,Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela.

Iindumiso 138