Iindumiso 136:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

7. KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

8. Ilanga lilawule emini:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

9. Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

10. Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

11. Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

12. Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:Ngokuba ingunaphakade inceba yekhe.

13. KuloMgabuli woLwandle oluBomvu,* lwagabuka:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

14. Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

15. Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

16. Kulohambisa abantu bakhe entlango:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

17. Kulowaxabela ookumkani abakhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

18. Wabulala ookumkani abaziingangamsha:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

19. USihon, ukumkani wama-Amori:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

20. No-Ogi, ukumkani waseBhashan:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

Iindumiso 136