21. Walinikela ilizwe labo laba lilifa:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,
22. Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
23. Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
24. Wasihlangula kwabasibandezelayo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
25. Ulonika into yonke ephilileyo ukudla:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
26. Bulelani kuThixo wamazulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.