2. Bulelani kuThixo woothixo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
3. Bulelani kuNkosi kankosi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
4. KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa:Ngokuba ingunaphakade inceba yake.
5. KuloMenzi wezulu ngengqondo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
6. KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
7. KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
8. Ilanga lilawule emini:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;
9. Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
10. Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
11. Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
12. Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:Ngokuba ingunaphakade inceba yekhe.
13. KuloMgabuli woLwandle oluBomvu,* lwagabuka:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
14. Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.