Iindumiso 135:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Owawabulalayo amazibulo aseYiputa,Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;

9. Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;

10. Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;

11. OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;

12. Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,

13. Yehova, igama lakho lingunaphakade,Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.

Iindumiso 135